ISEBE LEZEMISEBENZI
INGXOWA YEMBUYEKEZO
NGUBANI UMSEBENZI ?
Nguye nabani umntu othe wazibophelela wenza isivumelwano somsebenzi nomqashi oko kuquka nabenza amatorho.
INGENISO YENGXOWA YEMBUYEKEZO
Ingeniso yale ngxowa ivela kwimali emiselweyo yonyaka ebhatalwa ngabaqashi ababhalisiweyo esekelwe kwipersentiokanye imali ethelekelelweyo ezinzileyo yemivuzo yonyaka ebhatalwe kubasebenzi babo.
Umthetho wenze amalungiselelo okuba kubekho ummiselo omncinane ukuqinisekisa ukuba ummiselo lowoungabingaphantsi kweendleko zolawulo.
YINTONI ETHATHWA NJENGEMIVUZO?
Ngokweenjongo zommiselo mali, imivuzo phambi kokuba kutsalwe imali kumvuzo onikwe umsebenzi ngenxayokuqashwa kwakhe ibanbdakanya:
IRHAFU NEENDLELA ZOKURHAFISA
Le mali emiselweyo ibekwe ngokomthetho seko wokuba ishishini ngalinye kufuneka luthwale iindleko zalo zeengozizaye zivelelwe(zihlolwe) unyaka ngonyaka. Ukuba kukho utshintsho olwenziwayo olo luyakungqinelana nengozi leyoethe yehla.
Abaqashi bayaziswa unyaka ngonyaka ngommiselo ofunekayo kwishishini ngalinye/ ifama.
Umthetho wenza amalungiselelo okubuyekeza abasebenzi bakho abathe bafumana ukwenzakala besemsebenzini.
Umsebenzi onzakele emsebenzini unelungelo lokuhlawulwa imbuyekezo ngokuphathelene kubulwelwe kwethutyana,ubulwelwe baphakade( kuxhomekeke kubungakanani bobulwelwe) okanye ukufa.
Iindleko zoncedo zogqirha ezibekho ngenxa yokwenzakala emsebenzini ziyabhataleka isigaba seminyaka emibini,okanye edlulileyo ukuba unyango lunganciphisa ubukhulu bobulwelwe.
Ukuba ufuna iinkcukacha ezongezelelweyo nceda ujonge incwadana W.C1.8.
